Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 9:13-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. umnyàma wam ndiwubeké efini, ukuba ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nehlabathi.

14. Kothi, ndakuwusibekelisa ngelifu umhlaba, ubonakale umnyàma lowo efini;

15. ndiwukhùmbule umnqophiso wam ophakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enyameni yonke, angabi sabakho amanzi onogumbe okonakalisa inyama yonke.

16. Umnyàma woba semafini ke, ndiwukhàngele, ndikhumbule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini.

17. Wathi uThixo kuNowa, Nguwo lowo umqondiso womnqophiso endiwumisileyo phakathi kwam nayo yonke inyama esehlabathini.

18. Ke kaloku oonyana bakaNowa, ábaphuma emkhombeni, babengooShem, noHam, noYafete; uHam ke nguyise kaKanan.

19. Aba bathathu ngoonyana bakaNowa; balizaza ihlabathi lonke.

20. UNowa wathi, engumlimi womhlaba, waqala watyala isidiliya.

21. Wasela iwayini, wanxila, wazihluba phakathi kwentente yakhe.

22. UHam, uyise kaKanan, wabubona ubuzé bukayise, waxelela abakhuluwa bakhe bobabini ngaphandle.

23. UShem noYafete bathabatha ingubo, bayibeka emagxeni abo bobabini, baya ngomva, babugubungela ubuzé bukayise.

24. Wavuka uNowa ewayinini yakhe, wakwazi akwenzileyo unyana wakhe omnci kuye.

25. Wathi,Makaqalekiswe uKanan,Abe sisicaka sezicaka kubazalwana bakhe.

26. Wathi,Makabongwe uYehova uThixo kaShem,UKanan abe sisicaka kubo.

27. UThixo makamvulele uYafete,Ahlale ezintenteni zikaShem,UKanan abe sisicaka kubo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 9