Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 8:9-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ihobe alifumanaga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wolula isandla sakhe, walithabatha, walingenisa kuye emkhombeni.

10. Walinda eminye imihla esixhenxe, waphinda walisusa ihobe emkhombeni.

11. Leza kuye ihobe ngexesha langokuhlwa; nanko, kukho igqabi lomnquma elisandula ukukhiwa emlonyeni walo; wazi uNowa, ukuba ehlile amanzi ehlabathini.

12. Walinda eminye imihla ekwasixhenxe, walisusa ihobe; aliphindanga libuyele kuye kanjalo.

13. Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omathandathu anamnye, ngolokuqala enyangeni yokuqala, amanzi atsha ehlabathini; uNowa walususa uphahla lomkhombe; wakhangela, nango umhlaba womile.

14. Ngenyanga yesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo, woma kwaphela umhlaba.

15. Wathetha uThixo kuNowa, esithi,

16. Phuma emkhombeni, wena nomkakho, noonyana bakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe.

17. Zonke izinto eziphilileyo ezikuwe, kwinyama yonke, ezintakeni, nasezintweni ezizitho ziné, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzelayo emhlabeni, phuma nazo, zizalìse ihlabathi, ziqhame, zande ehlabathini.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 8