Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 8:6-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Kwathi, ekupheleni kwemihla emashumi mané, wayivula uNowa ifestile yomkhombe abeyenzile;

7. wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula, ada atsha amanzi ehlabathini.

8. Wasusa ihobe, ukuze abone ukuba amanzi awuthile na phezu kwehlabathi.

9. Ihobe alifumanaga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wolula isandla sakhe, walithabatha, walingenisa kuye emkhombeni.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 8