Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 8:4-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Umkhombe wazimisa ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, phezu kweentaba zaseArarati.

5. Amanzi amana ewutha, kwada kwayinyanga yeshumi; ngeyeshumi ke, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, zabonakala iincopho zeentaba.

6. Kwathi, ekupheleni kwemihla emashumi mané, wayivula uNowa ifestile yomkhombe abeyenzile;

7. wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula, ada atsha amanzi ehlabathini.

8. Wasusa ihobe, ukuze abone ukuba amanzi awuthile na phezu kwehlabathi.

9. Ihobe alifumanaga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wolula isandla sakhe, walithabatha, walingenisa kuye emkhombeni.

10. Walinda eminye imihla esixhenxe, waphinda walisusa ihobe emkhombeni.

11. Leza kuye ihobe ngexesha langokuhlwa; nanko, kukho igqabi lomnquma elisandula ukukhiwa emlonyeni walo; wazi uNowa, ukuba ehlile amanzi ehlabathini.

12. Walinda eminye imihla ekwasixhenxe, walisusa ihobe; aliphindanga libuyele kuye kanjalo.

13. Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omathandathu anamnye, ngolokuqala enyangeni yokuqala, amanzi atsha ehlabathini; uNowa walususa uphahla lomkhombe; wakhangela, nango umhlaba womile.

14. Ngenyanga yesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo, woma kwaphela umhlaba.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 8