Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 7:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. nakwiintaka zezulu ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi, ukuze imbewu igcinakale ehlabathini lonke.

4. Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndíze ndinise imvula ehlabathini iimini zibe mashumi mané nobusuku obumashumi mané, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi.

5. Wenza uNowa konke uYehova awamwisela umthetho ngako.

6. UNowa waye eminyaka imakhulu mathandathu ezelwe, wabakho unogumbe wamanzi ehlabathini.

7. Wangena uNowa emkhombeni, enoonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye, ngenxa yamanzi onogumbe.

8. Kuzo izinto ezizitho ziné ezihlambulukileyo, nakuzo izinto ezizitho ziné eziziinqambi, nakuzo iintaka, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni,

funda isahluko epheleleyo Igenesis 7