22. Iinto zonke ezikuphefumla komoya wokuphila kusemathatheni azo, kwiinto zonke ezisemhlabeni owomileyo, zafa.
23. Zabhujiswa ke izinto zonke ezimiyo, eziphezu komhlaba, kwathabathela emntwini kwesa ezintweni ezizitho ziné, nasezinambuzaneni, nasezintakeni zezulu; zabhujiswa azabakho ehlabathini; kwasala uNowa yedwa, nababenaye emkhombeni.
24. Aba namandla amanzi ehlabathini imihla elikhulu elinamanci mahlanu.