Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 7:2-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kwizinto zonke ezizitho ziné ezihlambulukileyo, thabathela kuwe ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi yayo; kwizinto ezizitho ziné eziziinqambi thabatha ngambini, inkunzi nemazi yayo;

3. nakwiintaka zezulu ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi, ukuze imbewu igcinakale ehlabathini lonke.

4. Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndíze ndinise imvula ehlabathini iimini zibe mashumi mané nobusuku obumashumi mané, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi.

5. Wenza uNowa konke uYehova awamwisela umthetho ngako.

6. UNowa waye eminyaka imakhulu mathandathu ezelwe, wabakho unogumbe wamanzi ehlabathini.

7. Wangena uNowa emkhombeni, enoonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye, ngenxa yamanzi onogumbe.

8. Kuzo izinto ezizitho ziné ezihlambulukileyo, nakuzo izinto ezizitho ziné eziziinqambi, nakuzo iintaka, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni,

9. kwangena ngambini, ngambini, kuNowa emkhombeni, inkunzi nemazi, njengoko uThixo abemwisele umthetho uNowa.

10. Kwathi emva kweentsuku ezisixhenxe, amanzi onogumbe abakho ehlabathini.

11. Ngomnyaka wamakhulu omathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini, yagqabhuka yonke imithombo yamanzi enzonzobila enkulu, iingcango zezulu zavuleka.

12. Wabakho umvumbi wemvula ehlabathini iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané.

13. Wangena emkhombeni kwangaloo mini uNowa, noShem noHam noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi bobathathu boonyana bakhe, ndawonye naye.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 7