Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 7:14-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Bòna, neento zonke eziphilileyo ngohlobo lwazo, nezinto zonke ezizitho ziné ngohlobo lwazo, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni ngohlobo lwazo, neentaka zonke ngohlobo lwazo, iinto zonke eziphaphazelayo,

15. ezinamaphiko, zangena kuNowa emkhombeni, ngambini, ngambini, kwinyama yonke enomoya wokuphila kuyo.

16. Zangena iinkunzi neemazi kwinyama yonke; zangena njengoko uThixo abemwisele umthetho. UYehova wamvalela ngaphakathi.

17. Yaba ngunogumbe imihla emashumi mané ehlabathini, enyuka amanzi, awufukula umkhombe, wafunquleka emhlabeni.

18. Aba namandla amanzi, enyuka kunene ehlabathini, wahamba umkhombe phezu kwamanzi.

19. Aba namandla amanzi kunene kakhulu ehlabathini, zagutyungelwa zonke iintaba eziphakamileyo kakhulu, eziphantsi kwamazulu onke.

20. Aba namandla amanzi, ada aba ziikubhite* ezilishumi elinantlanu, ethabathela phezulu; zagutyungelwa ke iintaba.

21. Yaphuma umphefumlo yonke inyama enambuzelayo emhlabeni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho ziné, nakwizinto eziphilileyo, nakwinyakanyaka yonke enyakazelayo emhlabeni, nabantu bonke.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 7