Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 50:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Yadlula ke imihla yokulilelwa kwakhe, uYosefu wathetha kwindlu kaFaro, wathi, Ukuba kaloku niyandibabala, khanithethe ezindlebeni zikaFaro, nithi,

5. Ubawo wandifungisa esithi, Yabona, ndiza kufa; engcwabeni lam endizimbeleyo ezweni lakwaKanan, wòndingcwabela khona apho. Ngoko makhe ndinyuke ndiye kumngcwaba ubawo; ndobuya ndibuye.

6. Wathi uFaro, Nyuka uye kumngcwaba uyihlo ngoko akufungise ngako.

7. Wenyuka ke uYosefu waya kumngcwaba uyise; benyuka naye bonke abakhonzi bakaFaro, amadoda amakhulu endlu yakhe, amadoda amakhulu onke ezwe laseYiputa;

8. nendlu kaYosefu yonke, nabazalwana bakhe, nendlu kayise. Kwasala iintsapho zabo zodwa, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, ezweni laseGoshen.

9. Kwenyuka naye iinqwelo, nabamahashe, yaba ngumkhosi omkhulu kunene.

10. Bafika esandéni sika-Atadi esiphesheya kweYordan, bambambazela izifuba, batsho khona ngesililo esikhulu, esinzima kunene; bamenzela uyise isijwili imihla esixhenxe.

11. Basibona abemi belo zwe, amaKanan, isijwili esandéni sika-Atadi, bathi, Sikhulu esi sijwili kumaYiputa; ngenxa yoko kwathiwa igama laso yiAbhele-mitserayim,* ephesheya kweYordan.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 50