Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 50:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wawa uYosefu phezu kobuso bukayise, walila phezu kwakhe, wamanga.

2. UYosefu wabawisela umthetho abakhonzi bakhe, amagqirha, ukuba amqhole uyise; amagqirha amqhola ke uSirayeli.

3. Bamzalisela imihla emashumi mané, kuba bebesenjenjalo ukuyizalisa imihla yabaqholiweyo; amaYiputa amlilela imihla emashumi asixhenxe.

4. Yadlula ke imihla yokulilelwa kwakhe, uYosefu wathetha kwindlu kaFaro, wathi, Ukuba kaloku niyandibabala, khanithethe ezindlebeni zikaFaro, nithi,

5. Ubawo wandifungisa esithi, Yabona, ndiza kufa; engcwabeni lam endizimbeleyo ezweni lakwaKanan, wòndingcwabela khona apho. Ngoko makhe ndinyuke ndiye kumngcwaba ubawo; ndobuya ndibuye.

6. Wathi uFaro, Nyuka uye kumngcwaba uyihlo ngoko akufungise ngako.

7. Wenyuka ke uYosefu waya kumngcwaba uyise; benyuka naye bonke abakhonzi bakaFaro, amadoda amakhulu endlu yakhe, amadoda amakhulu onke ezwe laseYiputa;

8. nendlu kaYosefu yonke, nabazalwana bakhe, nendlu kayise. Kwasala iintsapho zabo zodwa, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, ezweni laseGoshen.

9. Kwenyuka naye iinqwelo, nabamahashe, yaba ngumkhosi omkhulu kunene.

10. Bafika esandéni sika-Atadi esiphesheya kweYordan, bambambazela izifuba, batsho khona ngesililo esikhulu, esinzima kunene; bamenzela uyise isijwili imihla esixhenxe.

11. Basibona abemi belo zwe, amaKanan, isijwili esandéni sika-Atadi, bathi, Sikhulu esi sijwili kumaYiputa; ngenxa yoko kwathiwa igama laso yiAbhele-mitserayim,* ephesheya kweYordan.

12. Oonyana bakhe benza ke kuye njengokuyolela kwakhe.

13. Bamthwala oonyana bakhe, bamsa ezweni lakwaKanan, bamngcwaba emqolombeni wentsimi yaseMakapela, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi, ukuba ube yindawo eyiyeyakhe yokungcwaba, kuEfron umHiti phambi kowakwaMamre.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 50