Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 49:27-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. UBhenjamin yingcuka eqwengayo;Kusasa úya kudla okuphangiweyo,Ngokuhlwa úya kwaba okuthinjiweyo.

28. Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela.

29. Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti,

30. emqolombeni osentsimini yaseMakapela, ophambi kowakwaMamre, ezweni lakwaKanan, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi kuEfron umHiti, ukuba abe nendawo eyiyeyakhe yokungcwaba.

31. Bamngcwaba khona apho uAbraham noSara umkakhe; bamngcwaba khona apho uIsake noRebheka umkakhe; ndamngcwaba khona apho uLeya.

32. Yathengwa intsimi leyo nomqolomba okuyo koonyana bakaHeti.

33. Wagqiba ke uYakobi ukuyolela oonyana bakhe, wazifinyezela esingqengqelweni iinyawo zakhe, waphuma umphefumlo, wahlanganiselwa kwabakowabo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 49