Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 49:22-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. NguGatya lomthi oqhamayo uYosefu,UGatya lomthi oqhamayo ngasemthonjeni,Omasebe aqabele eludongeni.

23. UBamcubunga bamtola,Bamchasa abatoli;

24. USihlala sithe nkqi isaphetha sakhe,UMikhono yezandla zakhe inokusityeda,Ngezandla zembalasane kaYakobi,Khona apho akhoyo umalusi, ilitye likaSirayeli;

25. NgoThixo wooyihlo — akuncede,NgoSomandla — akusikelele,Ibe ziintsikelelo zamazulu ezivela phezulu,Iintsikelelo zamanzi enzonzobila alele ezantsi,Iintsikelelo zamabele, nezesizalo.

26. Iintsikelelo zikayihloZizigqithile iintsikelelo zomawokhulu,Zasa nasemdeni weentaba zanini;Mazibe sentloko kuYosefu,Ebuchotsheni bobalulweyo kubazalwana bakhe!

27. UBhenjamin yingcuka eqwengayo;Kusasa úya kudla okuphangiweyo,Ngokuhlwa úya kwaba okuthinjiweyo.

28. Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela.

29. Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti,

30. emqolombeni osentsimini yaseMakapela, ophambi kowakwaMamre, ezweni lakwaKanan, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi kuEfron umHiti, ukuba abe nendawo eyiyeyakhe yokungcwaba.

31. Bamngcwaba khona apho uAbraham noSara umkakhe; bamngcwaba khona apho uIsake noRebheka umkakhe; ndamngcwaba khona apho uLeya.

32. Yathengwa intsimi leyo nomqolomba okuyo koonyana bakaHeti.

33. Wagqiba ke uYakobi ukuyolela oonyana bakhe, wazifinyezela esingqengqelweni iinyawo zakhe, waphuma umphefumlo, wahlanganiselwa kwabakowabo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 49