Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 49:20-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. KuAshere kuphuma amafutha, isonka sakhe eso;Yena unika izinto eziyolisa ookumkani.

21. UNafetali yimazi yexhama ekhululweyo,Ukhupha amazwi amahle.

22. NguGatya lomthi oqhamayo uYosefu,UGatya lomthi oqhamayo ngasemthonjeni,Omasebe aqabele eludongeni.

23. UBamcubunga bamtola,Bamchasa abatoli;

24. USihlala sithe nkqi isaphetha sakhe,UMikhono yezandla zakhe inokusityeda,Ngezandla zembalasane kaYakobi,Khona apho akhoyo umalusi, ilitye likaSirayeli;

25. NgoThixo wooyihlo — akuncede,NgoSomandla — akusikelele,Ibe ziintsikelelo zamazulu ezivela phezulu,Iintsikelelo zamanzi enzonzobila alele ezantsi,Iintsikelelo zamabele, nezesizalo.

26. Iintsikelelo zikayihloZizigqithile iintsikelelo zomawokhulu,Zasa nasemdeni weentaba zanini;Mazibe sentloko kuYosefu,Ebuchotsheni bobalulweyo kubazalwana bakhe!

27. UBhenjamin yingcuka eqwengayo;Kusasa úya kudla okuphangiweyo,Ngokuhlwa úya kwaba okuthinjiweyo.

28. Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela.

29. Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti,

30. emqolombeni osentsimini yaseMakapela, ophambi kowakwaMamre, ezweni lakwaKanan, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi kuEfron umHiti, ukuba abe nendawo eyiyeyakhe yokungcwaba.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 49