Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 48:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi emveni kwezi zinto, kwathiwa kuYosefu, Ùyabona, uyihlo uyafa. Wathabatha oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, bahamba naye.

2. Waxelelwa uYakobi kwathiwa, Nanku unyana wakho uYosefu esiza kuwe. Wazomeleza uSirayeli, wavuka, wahlala esingqengqelweni.

3. UYakobi wathi kuYosefu, UThixo uSomandla wabonakala kum ndiseLuzi, ezweni lakwaKanan, wandisikelela.

4. Wathi kum, Yabona, ndiya kukuqhamisa, ndikwandise, ndikwenze isikhungu sezizwe; eli lizwe ndilìnike imbewu yakho emva kwakho, libe lelakho ngonaphakade.

5. Ngako oko oonyana bakho ababini, owabazalelwayo ezweni laseYiputa, ndingekafiki kuwe eYiputa, ngabam; uEfrayim noManase baya kuba ngabam, njengoRubhen noSimon.

6. Ke othe wabazala emva kwabo, baya kuba ngabakho; baya kubizwa ngokwegama labazalwana babo elifeni labo.

7. Ekumkeni kwam mna ePadan, ndafelwa nguRakeli ezweni lakwaKanan endleleni, ndakubona ukuba ndimganyana ukuze kufikwe e-Efrata; ndamngcwabela khona endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.

8. USirayeli wababona oonyana bakaYosefu, wathi, Ngoobani na aba?

9. Wathi uYosefu kuyise, Ngoonyana bam endibaphiwe nguThixo apha. Wathi yena, Khawubasondeze kum, ndibasikelele.

10. Ke amehlo kaSirayeli ayeselenorhatyazo kukwaluphala, engasaboni. Wabasondeza ke kuye, wabanga, wabawola.

11. USirayeli wathi kuYosefu, Ukubona ubuso bakho bendingasakucingi; nanku uThixo endibonise nembewu yakho.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 48