Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 47:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. UYosefu wamngenisa uYakobi uyise, wammisa phambi koFaro. UYakobi wamsikelela uFaro.

8. UFaro wathi kuYakobi, Mingaphi na iminyaka yobudala bakho?

9. Wathi uYakobi kuFaro, Imihla yeminyaka yokuba lundwendwe kwam emhlabeni yiminyaka elikhulu elinamanci mathathu; imbalwa, imibi, imihla yeminyaka yobudala bam; ayifikanga emihleni yeminyaka yobudala boobawo, emihleni yokuba lundwendwe kwabo emhlabeni.

10. UYakobi wamsikelela ke uFaro; waphuma, wemka ebusweni bukaFaro.

11. UYosefu wambeka uyise nabazalwana bakhe ezweni laseYiputa, wabanika indawo yokuma kweyona ndawo intle yelizwe, ezweni laseRameses, ngokomthetho kaFaro.

12. UYosefu wamondla uyise, nabazalwana bakhe, nendlu yonke kayise, ngesonka, ngangokuswela kosapho lwabo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 47