Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 47:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYosefu waya kumbikela uFaro, wathi, Ufikile ubawo nabazalwana bam, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, neento zonke abanazo, bevela ezweni lakwaKanan; nabo besezweni laseGoshen.

2. Wakhetha kubo abazalwana bakhe amadoda amahlanu, wawamisa phambi koFaro.

3. Wathi uFaro kubazalwana bakhe, Uyintoni na umsebenzi wenu? Bathi kuFaro, Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla emfutshane, thina aba kwanoobawo bethu.

4. Babuya bathi kuFaro, Siphambukele kweli lizwe, kuba akukho tyani bampahla imfutshane abanayo abakhonzi bakho, kuba inzima indlala ezweni lakwaKanan; ngoko ke mabakhe bahlale ezweni laseGoshen abakhonzi bakho.

5. Wathetha uFaro kuYosefu, wathi, Uyihlo nabazalwana bakho bafikile kuwe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 47