Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 46:28-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Wasusa uYuda ukuba amandulele aye kuYosefu, ambonise indlela eya eGoshen; bafika ke ezweni laseGoshen.

29. UYosefu wayibopha inqwelo yakhe, wenyuka waya kumkhawulela uSirayeli uyise eGoshen. Bathe bakubonana, wawa entanyeni yakhe, walila umzuzu omkhulu entanyeni yakhe.

30. Wathi uSirayeli kuYosefu, Ndibubonile nje ubuso bakho, ukuba ùsahleli, mandife ngoku.

31. Wathi uYosefu kubazalwana bakhe nakwindlu kayise, Ndiya kunyuka ndiye kubika kuFaro, ndithi kuye, Abazalwana bam nendlu kabawo, ababesezweni lakwaKanan, bafikile;

32. kunjalo nje la madoda ngabalusi bempahla emfutshane, kuba ngabafuyi; impahla yawo emfutshane, neenkomo zawo, neento zonke ananzo, azé nazo.

33. Xa athe wanibiza uFaro, wathi, Uyintoni na umsebenzi wenu?

34. nòthi, Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla kwasebuncinaneni bethu unangoku, thina aba noobawo bethu; ukuze nime ezweni laseGoshen, kuba bonke abalusi bempahla emfutshane balisikizi kumaYiputa.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 46