Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 46:1-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wanduluka ke uSirayeli neento zonke abenazo, wafika eBhershebha, wabingelela imibingelelo kuThixo kayise uIsake.

2. Wathetha uThixo kuSirayeli emibonweni yobusuku, wathi, Yakobi, Yakobi! Wathi yena, Ndilapha.

3. Wathi, NdinguThixo, uThixo wooyihlo, musa ukoyika ukuhla uye eYiputa; kuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona.

4. Mna ndiya kuhla ndiye nawe eYiputa, ndinyuke nokunyuka nawe; uYosefu asibeke isandla sakhe phezu kwamehlo akho.

5. Wesuka uYakobi eBher-shebha; oonyana bakaSirayeli bamthwala uYakobi uyise, nabantwana babo, nabafazi babo, ngeenqwelo ebezithunyelwe nguFaro ukuba zimthwale.

6. Bayithabatha imfuyo yabo, nengqwebo yabo ababeyiqwebile ezweni lakwaKanan, bafika eYiputa uYakobi nembewu yakhe yonke, ndawonye naye;

7. oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe ndawonye naye, iintombi zakhe, neentombi zoonyana bakhe, nembewu yakhe yonke, weza nayo eYiputa.

8. Ngawo la amagama oonyana bakaSirayeli abafikáyo eYiputa, uYakobi noonyana bakhe: amazibulo kaYakobi nguRubhen.

9. Oonyana bakaRubhen nguHanoki, noFalu, noHetseron, noKarmi.

10. Oonyana bakaSimon, nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi.

11. Oonyana bakaLevi nguGershon, noKehati, noMerari.

12. Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela, noPeretse, noZera; ke ooEre no-Onan bafela ezweni lakwaKanan. Oonyana bakaPeretse nguHetseron noHamuli.

13. Oonyana bakaIsakare nguTola, noPuwa, noYobhi, noShimron.

14. Oonyana bakaZebhulon nguZerede, noEloni, noYaleli.

15. Ngabo abo oonyana bakaLeya, awabazalela uYakobi ePadan-aram, noDina intombi yakhe; yonke imiphefumlo yoonyana bakhe neyeentombi zakhe ingamashumi omathathu anamithathu.

16. Oonyana bakaGadi nguTsifiyon, noHagi, noShuni, noEtsebhon, noEri, noArodi, noAreli.

17. Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshvi, noBheriya, noSera udade wabo; oonyana bakaBheriya nguEbhere noMalekiyeli.

18. Ngabo abo oonyana bakaZilipa, awathi uLabhan wamnika uLeya intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, imiphefumlo elishumi elinamithandathu.

19. Oonyana bakaRakeli, umkaYakobi, nguYosefu noBhenjamin.

20. Wazala ke uYosefu ezweni laseYiputa, uManase noEfrayim, awamzalela bona uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 46