Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 45:16-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Lavakala izwi endlwini kaFaro, lisithi, Bafikile abazalwana bakaYosefu. Kwalunga oko emehlweni kaFaro, nasemehlweni abakhonzi bakhe.

17. Wathi uFaro kuYosefu, Yithi kubazalwana bakho, Yenzani oku: bophani amaqegu enu, nihambe niye ezweni lakwaKanan,

18. nithabathe uyihlo nezindlu zenu, nize kum apha. Ndoninika izinto ezilungileyo zelizwe laseYiputa, nidle ukutyeba kwelizwe.

19. Wena ke ùwiselwe umthetho, yenzani oku; bathabatheleni abantwana benu, nabafazi benu, iinqwelo ezweni laseYiputa, nithwale uyihlo, nize.

20. Iliso lenu malingabi nanceba empahleni yenu, kuba zonke izinto ezilungileyo zelizwe lonke laseYiputa zezenu.

21. Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli. UYosefu wabanika iinqwelo ngokomthetho kaFaro; wabanika nomphako wendlela.

22. Wabanika bonke elowo iingubo zokukhululana. Wamnika uBhenjamin iisilivere ezimakhulu mathathu, neengubo ezintlanu zokukhululana.

23. Kuyise wathumela ezilolu hlobo: amaesile alishumi, ethwele izinto ezilungileyo zaseYiputa, neemazi zamaesile ezilishumi, zithwele ingqolowa, nesonka, nomphako kayise wendlela.

24. Wabandulula ke abazalwana bakhe, bahamba; wathi kubo, Ize ningaxabani endleleni.

25. Benyuka, bemka ke eYiputa, bafika ezweni lakwaKanan kuYakobi uyise.

26. Bamxelela besithi, UYosefu usahleli; ewe, ungumphathi welizwe lonke laseYiputa. Yaqoba intliziyo yakhe, kuba ebengakholwa ngabo.

27. Bawathetha kuye onke amazwi kaYosefu, abewathethile kubo. Wazibona iinqwelo abezithumele uYosefu, ukuba zimthwale; waza waphila umoya kaYakobi uyise.

28. Wathi uSirayeli, Kwanele. UYosefu unyana wam usahleli. Ndiya kuya ndimbone, ndingekafi.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 45