Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 44:8-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ùyabona, imali esayifumanayo emlonyeni weengxowa zethu, sayibuyisela kuwe, sivela ezweni lakwaKanan. Singáthini na ke ukûba endlwini yenkosi yakho isilivere nokuba yigolide?

9. Osukuba ifunyenwe kuye phakathi kwabakhonzi bakho, makafe; kananjalo thina síbe ngamakhoboka enkosini yam.

10. Wathi, Makube njengokwamazwi enu; ke ngoko osukuba ifunyenwe kuye, woba sisicaka sam, ke nina noba msulwa.

11. Bakhawuleza, bathula elowo ingxowa yakhe, bayibeka emhlabeni, bavula elowo ingxowa yakhe.

12. Wagquthagqutha, eqalela komkhulu, egqibela komncinane; yafunyanwa indebe engxoweni kaBhenjamin.

13. Bazikrazula iingubo zabo, babopha elowo iesile lakhe, babuyela kuloo mzi.

14. Wafika uYuda nabazalwana bakhe endlwini kaYosefu; ubesekhona yena.

15. Bawa phambi kwakhe emhlabeni. UYosefu wathi kubo, Sisenzo sini na esi nisenzileyo? Beningazi na ukuba indoda enjengam nje ibingahlaba izihlabo?

16. UYuda wathi, Siya kuthini na enkosini yam? Siya kuthetha ntoni na? Siya kuzihlamba njani na? UThixo ubufumene ubugwenxa babakhonzi bakho; yabona, singabakhonzi benkosi yam, thina aba, nalowa indebe ifunyenwe esandleni sakhe.

17. Wathi, Makube lee kum ukwenza loo nto; indoda efunyenwe esandleni sayo indebe, yiyo eya kuba sisicaka kum; ke nina nyukani nixolile, niye kuyihlo.

18. UYuda wasondela kuye, wathi, Tarhu, nkosi yam! Makhe athethe ilizwi umkhonzi wakho ezindlebeni zenkosi yam; mawungavuthi umsindo wakho ngakumkhonzi wakho, ngokuba ungangoFaro wena.

19. Yababuza inkosi yam abakhonzi bayo, isithi, Ninoyihlo na?

20. Ninomninawa na? Sathi thina enkosini yam, Sinobawo ixhego, nomntwana wobuxhego bakhe omncinane; umkhuluwa wakhe wafa, yena usele yedwa kunina, uyise uyamthanda.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 44