8. Ùyabona, imali esayifumanayo emlonyeni weengxowa zethu, sayibuyisela kuwe, sivela ezweni lakwaKanan. Singáthini na ke ukûba endlwini yenkosi yakho isilivere nokuba yigolide?
9. Osukuba ifunyenwe kuye phakathi kwabakhonzi bakho, makafe; kananjalo thina síbe ngamakhoboka enkosini yam.
10. Wathi, Makube njengokwamazwi enu; ke ngoko osukuba ifunyenwe kuye, woba sisicaka sam, ke nina noba msulwa.
11. Bakhawuleza, bathula elowo ingxowa yakhe, bayibeka emhlabeni, bavula elowo ingxowa yakhe.
12. Wagquthagqutha, eqalela komkhulu, egqibela komncinane; yafunyanwa indebe engxoweni kaBhenjamin.