Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 44:2-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. uyibeke indebe yam, indebe yesilivere, emlonyeni wengxowa yomncinane, nemali yengqolowa yakhe. Wenza ke ngokwelizwi likaYosefu abelithethile.

3. Kwakuthi qhiphu ukusa, andululwa loo madoda, wona namaesile awo.

4. Akubona ukuba aphumile emzini, engekayi kude, wathi uYosefu kumphathi wendlu yakhe, Suka, uwasukele laa madoda; wakuwafumana uze uthi kuwo, Yini na ukuba niphindezele okulungileyo ngokubi?

5. Le nto asiyile na inkosi yam isela ngayo, ihlabe nezihlabo ngayo? Yinto embi le nto niyenzileyo.

6. Wawafumana, wathetha kuwo loo mazwi.

7. Athi kuye, Yini na ukuba inkosi yam ithethe ngokwaloo mazwi? Makube lee kubakhonzi bakho ukwenza ngokwelo lizwi.

8. Ùyabona, imali esayifumanayo emlonyeni weengxowa zethu, sayibuyisela kuwe, sivela ezweni lakwaKanan. Singáthini na ke ukûba endlwini yenkosi yakho isilivere nokuba yigolide?

9. Osukuba ifunyenwe kuye phakathi kwabakhonzi bakho, makafe; kananjalo thina síbe ngamakhoboka enkosini yam.

10. Wathi, Makube njengokwamazwi enu; ke ngoko osukuba ifunyenwe kuye, woba sisicaka sam, ke nina noba msulwa.

11. Bakhawuleza, bathula elowo ingxowa yakhe, bayibeka emhlabeni, bavula elowo ingxowa yakhe.

12. Wagquthagqutha, eqalela komkhulu, egqibela komncinane; yafunyanwa indebe engxoweni kaBhenjamin.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 44