Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 44:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wamwisela umthetho umphathi wendlu, esithi, Zizalise iingxowa zala madoda ngokudla, njengoko zinako ukukhongozela, uyibeke imali yalowo nalowo emlonyeni wengxowa yakhe;

2. uyibeke indebe yam, indebe yesilivere, emlonyeni wengxowa yomncinane, nemali yengqolowa yakhe. Wenza ke ngokwelizwi likaYosefu abelithethile.

3. Kwakuthi qhiphu ukusa, andululwa loo madoda, wona namaesile awo.

4. Akubona ukuba aphumile emzini, engekayi kude, wathi uYosefu kumphathi wendlu yakhe, Suka, uwasukele laa madoda; wakuwafumana uze uthi kuwo, Yini na ukuba niphindezele okulungileyo ngokubi?

funda isahluko epheleleyo Igenesis 44