Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 43:7-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Bathi, Indoda leyo yabuza kunene ngathi nangemizalwana yethu, isithi, Usaphilile na uyihlo? Nisenomninawa na? Sayixelela ngokwaloo mazwi. Besisazi yini na ukuba ibiya kuthi, Yihlani nomninawa wenu?

8. UYuda wathi kuSirayeli uyise, Mthume nam umfana, sisuke sihambe, siphile, singafi thina, nawe, nabantwana bethu.

9. Mna ndiya kummela, wòmbiza esandleni sam; ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndimbeke phambi kwakho, mandibe netyala kuwe yonke imihla yam.

10. Kuba, ukuba besingazilazilanga, inene ngesiba ngoku sesibuye okwesibini.

11. USirayeli uyise wathi kubo, Ukuba kunjalo okunene, yenzani ke oku: thabathani kwezinconywayo izinto zelizwe eli, nizifake ezingxoweni zenu, nihle niyisele indoda leyo umnikelo: intwana yamafutha aqholiweyo, nentwana yencindi yobusi, nentlaka emhlophe, nentlaka emnandi, neenkozo zepistasi,* neeamangile.*

12. Phathani enye imali esandleni senu; naloo mali yabuyiswayo emlonyeni weengxowa zenu, buyani nayo esandleni senu; mhlawumbi sisiphosiso.

13. Nomninawa wenu mthabatheni, ninduluke, nibuyele kwindoda leyo.

14. Ngamana uThixo uSomandla waniphatha ngemfesane phambi kwendoda leyo, ukuba inikhululele omnye umzalwana wenu lowo noBhenjamin. Mna, ukuba ndihluthiwe abantwana, ndihluthiwe.

15. Amadoda lawo awuthabatha loo mnikelo, neemali zombini aziphatha esandleni sawo, noBhenjamin, asuka ehla aya eYiputa, ema phambi koYosefu.

16. UYosefu wambona uBhenjamin enabo, wathi kumphathi wendlu yakhe, Wangenise loo madoda endlwini, uxhele, ulungise; kuba la madoda aya kudla nam emini enkulu.

17. Indoda leyo yenza njengoko watshoyo uYosefu; indoda yawangenisa amadoda endlwini kaYosefu.

18. Amadoda oyika, ngokuba engeniswe endlwini kaYosefu, athi, Kungenxa yemali eyayibuyiselwe ezingxoweni zethu ekuqaleni, le nto singeniswe apha; ukuze agaleleke phezu kwethu, asiwele, asithabathe sibe ngamakhoboka, kwanamaesile ethu.

19. Asondela kuloo ndoda iphethe indlu kaYosefu, athetha nayo emnyango wendlu, athi, Tarhu, nkosi!

funda isahluko epheleleyo Igenesis 43