Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 43:31-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Waza wahlamba ubuso bakhe, waphuma ezibambile, wathi, Bekani isonka.

32. Bambekela yedwa, bababekela bodwa bona, bawabekela odwa amaYiputa abesidla naye; kuba amaYiputa akanakudla sonka namaHebhere; kuba lisikizi elo kumaYiputa.

33. Bahlala phantsi phambi kwakhe, owamazibulo ngokobuzibulo bakhe, omncinane ngokobuncinane bakhe. Amadoda akhangelana ethe manga.

34. Asèlwa izabelo ezisuka phambi kwakhe; ke isabelo sikaBhenjamin saba sikhulu kahlanu kwizabelo zabo bonke bephela. Basela, baba mnandi benaye.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 43