Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 43:17-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Indoda leyo yenza njengoko watshoyo uYosefu; indoda yawangenisa amadoda endlwini kaYosefu.

18. Amadoda oyika, ngokuba engeniswe endlwini kaYosefu, athi, Kungenxa yemali eyayibuyiselwe ezingxoweni zethu ekuqaleni, le nto singeniswe apha; ukuze agaleleke phezu kwethu, asiwele, asithabathe sibe ngamakhoboka, kwanamaesile ethu.

19. Asondela kuloo ndoda iphethe indlu kaYosefu, athetha nayo emnyango wendlu, athi, Tarhu, nkosi!

20. Sehla okunene ekuqaleni, sisiza kuthenga ukudla.

21. Kwathi, sakufika endaweni yokulalisa, sazivula iingxowa zethu, kwavela imali yalowo nalowo emlonyeni wengxowa yakhe, imali yethu ngomlinganiso wayo.

22. Sibuyé nayo ke siyiphethe. Nenye imali sihle seza nayo esandleni sethu, ukuba sithenge ukudla; asimazi oyifakileyo imali ezingxoweni zethu.

23. Yathi, Xolani, musani ukoyika; uThixo wenu, uThixo kayihlo, uninikile ubutyebi ezingxoweni zenu; imali yenu ndayamkela.

24. Yabakhuphela uSimon. Indoda leyo yawangenisa amadoda endlwini kaYosefu, yawanika amanzi, ahlamba iinyawo zawo; yawapha iindiza amaesile awo.

25. Umnikelo lowo awulungisela ukufika kukaYosefu emini enkulu; kuba ebeve kusithiwa aya kudla isonka khona.

26. Wangena uYosefu endlwini; amzisela endlwini umnikelo obusesandleni sawo, aqubuda kuye emhlabeni.

27. Wawabuza ukuphila kwawo, wathi, Uyihlo usaphilile na, ixhego enanithethe ngalo? Usadla ubomi na?

28. Athi, Usaphilile ubawo umkhonzi wakho, usadla ubomi. Bathoba baqubuda.

29. Wawaphakamisa amehlo akhe, wambona uBhenjamin umninawa wakhe, umntwana kanina, wathi, Nguye na lo umninawa wenu omncinane, enibe nithetha ngaye kum? Wathi, Ngamana uThixo wakubabala, nyana wam.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 43