Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 42:25-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Wawisa umthetho uYosefu wokuba zizaliswe iingxowa zabo ngengqolowa, imali yabo ibuyiselwe kulowo nalowo engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela; kwenjiwa njalo ke kubo.

26. Bawabopha ingqolowa amaesile abo, bemka ke apho.

27. Uthe ke omnye akuyivula ingxowa yakhe, ukuba aphe iesile lakhe iindiza apho balalisa khona, wayibona imali yakhe, isemlonyeni wengxowa yakhe.

28. Wathi kubazalwana bakhe, Ibuyisiwe imali yam; nantsi ikho nokubakho engxoweni yam. Baphela amandla, bakhangelana begubha, bathi, Yintoni na le ayenzileyo uThixo kuthi?

29. Bafika kuYakobi uyise ezweni lakwaKanan, bamxelela yonke into ebahleleyo, besithi,

30. Indoda, inkosi yelo zwe, yathetha nathi kalukhuni, yathi siziintlola zelo zwe.

31. Sathi kuyo, Sinyanisile;

32. asizizo iintlola, singabazalwana abalishumi elinababini, oonyana bakabawo; omnye akakho, omncinane ukubawo namhla, ezweni lakwaKanan.

33. Indoda leyo, inkosi yelo zwe, yathi kuthi, Ndiya kwazi ngale ndawo ukuba ninyanisile: shiyani abe mnye umzalwana wenu kum apha, niphathele izindlu zenu ukudla ngenxa yendlala, nihambe;

34. nimzise umninawa wenu omncinane kum, ndize ndazi ukuba ninyanisile, anizizo iintlola; ndímnikele kuni umzalwana wenu, nirhwebe ezweni apha.

35. Kwathi, bakukhuphela iingxowa zabo, babona isiqhuma semali salowo nalowo engxoweni yakhe; bakuzibona iziqhuma zabo zemali boyika, bona noyise.

36. Wathi kubo uYakobi uyise, Nindihluthe abantwana; uYosefu akakho, uSimon akakho, niza kuthabatha noBhenjamin; zikhwéle kum zonke ezo zinto.

37. Wathi uRubhen kuyise, Babulale bobabini oonyana bam, ukuba andithanga ndimzise kuwe; mnikele esandleni sam, ndombuyisela kuwe mna.

38. Wathi yena, Unyana wam akasayi kuhla nani; ngokuba ufile umkhuluwa wakhe, yena usele yedwa. Ukuba úthe wahlelwa yingozi endleleni eniyihambayo, izimvi zam nozithobela kwelabafileyo ndinesingqala.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 42