Kwathi kusasa, umoya wakhe wangqunga; wathumela, wazibiza zonke izazi zaseYiputa, izilumko zonke zakhona. UFaro wazixelela iphupha lakhe; akwabakho bani kuzo unokuwatyhila kuFaro.