Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 41:41-53 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. UFaro wathi kuYosefu, Khangela, ndikumisé phezu kwalo lonke ilizwe laseYiputa.

42. Wawukhulula uFaro umsesane wakhe esandleni sakhe, wawufaka esandleni sikaYosefu, wamambathisa iingubo zelinen ecikizekileyo, wanxiba umxokelelwane wegolide entanyeni yakhe.

43. Wamkhwelisa enqwelweni yesibini abenayo, kwamenyezwa phambi kwakhe, kwathiwa, Guqani! Wammisa phezu kwalo lonke ilizwe laseYiputa.

44. Wathi uFaro kuYosefu, NdinguFaro; ngaphandle kwakho, akukho bani uya kuphakamisa sandla sakhe, nalunyawo lwakhe, ezweni lonke laseYiputa.

45. UFaro wamthiya uYosefu igama lokuba nguTsafenati-paneha, wamnika uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ukuba abe ngumkakhe. Waphuma uYosefu, walihamba ilizwe laseYiputa.

46. UYosefu wayeminyaka imashumi mathathu ezelwe, ukuma kwakhe phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; waphuma uYosefu ebusweni bukaFaro, walicanda lonke ilizwe laseYiputa.

47. Umhlaba wavelisa ngendiphane ngeminyaka esixhenxe yendyebo.

48. Wakubutha konke ukudla kweminyaka esixhenxe ebikho ezweni laseYiputa, wakubeka ukudla kuyo imizi; ukudla kwamasimi abewungqongile umzi, wakubeka phakathi kwawo.

49. UYosefu wayifumba ingqolowa yanjengentlabathi yolwandle, yaninzi kunene, wada wayeka ukubala, kuba ibingenakubalwa.

50. UYosefu wazala oonyana bababini, wabazalelwa nguAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ingekafiki iminyaka yendlala.

51. UYosefu wamthiya owamazibulo igama elinguManase;* ngokuba wathi, UThixo undenzé ndakulibala konke ukwaphuka kwam, nayo yonke indlu kabawo.

52. Owesibini wamthiya igama elinguEfrayim;* ngokuba wathi, UThixo undiqhamisile ezweni leentsizi zam.

53. Yaphela ke iminyaka yosixhenxe yendyebo ebisezweni laseYiputa.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 41