36. oko kudla kube yinto ebekelwe ilizwe iminyaka yosixhenxe yendlala, eya kubakho ezweni laseYiputa, lingatshabalali ilizwe yindlala.
37. Lalunga elo zwi emehlweni kaFaro nasemehlweni abo bonke abakhonzi bakhe.
38. UFaro wathi kubakhonzi bakhe, Sinokumfumana na umntu onje, onoMoya kaThixo?
39. UFaro wathi kuYosefu, Ekubeni uThixo ekwazisile konke oku, akukho bani uyingqondi, usisilumko, njengawe.