Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 41:34-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Makenze le nto uFaro, alimisele abaveleli ilizwe, athabathe isihlanu selizwe laseYiputa ngeminyaka yosixhenxe yendyebo.

35. Mababuthe konke ukudla kwaloo minyaka ilungileyo izayo, bafumbe ingqolowa phantsi kwesandla sikaFaro, ibe kukudla emizini, bayigcine;

36. oko kudla kube yinto ebekelwe ilizwe iminyaka yosixhenxe yendlala, eya kubakho ezweni laseYiputa, lingatshabalali ilizwe yindlala.

37. Lalunga elo zwi emehlweni kaFaro nasemehlweni abo bonke abakhonzi bakhe.

38. UFaro wathi kubakhonzi bakhe, Sinokumfumana na umntu onje, onoMoya kaThixo?

39. UFaro wathi kuYosefu, Ekubeni uThixo ekwazisile konke oku, akukho bani uyingqondi, usisilumko, njengawe.

40. Ùya kuba phezu kwendlu yam wena, bawuthobele umlomo wakho bonke abantu bam; kusetroneni yodwa endiya kuba mkhulu kuwe.

41. UFaro wathi kuYosefu, Khangela, ndikumisé phezu kwalo lonke ilizwe laseYiputa.

42. Wawukhulula uFaro umsesane wakhe esandleni sakhe, wawufaka esandleni sikaYosefu, wamambathisa iingubo zelinen ecikizekileyo, wanxiba umxokelelwane wegolide entanyeni yakhe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 41