Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 41:25-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. UYosefu wathi kuFaro, Iphupha likaFaro linye; uThixo umxelele uFaro oko aya kukwenza.

26. Amathokazi asixhenxe alungileyo yiminyaka esixhenxe; izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo yiminyaka esixhenxe; iphupha eli linye.

27. Amathokazi asixhenxe angamarhoqorhoqo, amabi, anyukileyo aphuma emva kwalawo, yiminyaka esixhenxe; nezikhwebu ezisixhenxe ezinqinileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga, ziya kuba yiminyaka esixhenxe yendlala.

28. Lelo lizwi ndilithethileyo kuFaro lokuthi: oko aya kukwenza uThixo ukubonisile kuFaro.

29. Yabona, kuza iminyaka esixhenxe yendyebo enkulu ezweni lonke laseYiputa;

30. ze kuvele iminyaka esixhenxe yendlala emva kwaleyo, ilityalwe yonke indyebo ezweni laseYiputa, indlala iligqibe ilizwe;

31. ingàziwa indyebo elizweni, ngenxa yaloo ndlala iya kubakho emva kwayo, kuba iya kuba nzima kunene.

32. Ukuphindwa kabini kwephupha elo kuFaro kukuqiniswa kwayo le ndawo nguThixo; úya kukhawuleza uThixo ukuyenza.

33. Ngoko uFaro makakhangele indoda eyingqondi, esisilumko, ayimise phezu kwelizwe laseYiputa.

34. Makenze le nto uFaro, alimisele abaveleli ilizwe, athabathe isihlanu selizwe laseYiputa ngeminyaka yosixhenxe yendyebo.

35. Mababuthe konke ukudla kwaloo minyaka ilungileyo izayo, bafumbe ingqolowa phantsi kwesandla sikaFaro, ibe kukudla emizini, bayigcine;

36. oko kudla kube yinto ebekelwe ilizwe iminyaka yosixhenxe yendlala, eya kubakho ezweni laseYiputa, lingatshabalali ilizwe yindlala.

37. Lalunga elo zwi emehlweni kaFaro nasemehlweni abo bonke abakhonzi bakhe.

38. UFaro wathi kubakhonzi bakhe, Sinokumfumana na umntu onje, onoMoya kaThixo?

funda isahluko epheleleyo Igenesis 41