Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 40:3-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wabanikela elugcinweni, endlwini yomthetheli wabasiki entolongweni, endaweni abekhonkxelwe kuyo uYosefu.

4. Umthetheli wabasiki wamenza uYosefu umveleli wabo, wabalungiselela; baba nomzuzu beselugcinweni.

5. Baphupha iphupha bobabini; elowo waphupha iphupha lakhe ngabusuku bunye, elowo ngokokutyhilwa kwephupha lakhe, umngcamli nomoji wezonka bokumkani waseYiputa, ababekhonkxiwe entolongweni.

6. UYosefu wangena kubo kwakusa, wabakhangela, wafika bematshekile.

7. Wababuza ababusi bakwaFaro, ababenaye elugcinweni endlwini yenkosi yakhe, esithi, Kutheni na ukuba ubuso benu bube bubi namhlanje?

8. Bathi kuye, Siphuphé iphupha; akukho ulityhilayo. UYosefu wathi kubo, Izityhilo asizezikaThixo na? Khanindixelele iphupha elo.

9. Umphathi wabangcamli wamxelela uYosefu iphupha lakhe, wathi kuye, Ephupheni lam ndibone umdiliya uphambi kwam;

10. emdiliyeni apho amasebe emathathu, wangathi wona uphuma amathupha, wadubula iintyantyambo zawo, izihloko zawo zavuthwa zaziidiliya;

funda isahluko epheleleyo Igenesis 40