Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 40:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi emveni kwezi zinto, umngcamli wokumkani waseYiputa, nomoji wezonka zakhe, bayona inkosi yabo, ukumkani waseYiputa.

2. UFaro waba noburhalarhume kubo ababusi bakhe bobabini, umphathi wabangcamli nomphathi waboji bezonka.

3. Wabanikela elugcinweni, endlwini yomthetheli wabasiki entolongweni, endaweni abekhonkxelwe kuyo uYosefu.

4. Umthetheli wabasiki wamenza uYosefu umveleli wabo, wabalungiselela; baba nomzuzu beselugcinweni.

5. Baphupha iphupha bobabini; elowo waphupha iphupha lakhe ngabusuku bunye, elowo ngokokutyhilwa kwephupha lakhe, umngcamli nomoji wezonka bokumkani waseYiputa, ababekhonkxiwe entolongweni.

6. UYosefu wangena kubo kwakusa, wabakhangela, wafika bematshekile.

7. Wababuza ababusi bakwaFaro, ababenaye elugcinweni endlwini yenkosi yakhe, esithi, Kutheni na ukuba ubuso benu bube bubi namhlanje?

8. Bathi kuye, Siphuphé iphupha; akukho ulityhilayo. UYosefu wathi kubo, Izityhilo asizezikaThixo na? Khanindixelele iphupha elo.

9. Umphathi wabangcamli wamxelela uYosefu iphupha lakhe, wathi kuye, Ephupheni lam ndibone umdiliya uphambi kwam;

10. emdiliyeni apho amasebe emathathu, wangathi wona uphuma amathupha, wadubula iintyantyambo zawo, izihloko zawo zavuthwa zaziidiliya;

11. indebe kaFaro isesandleni sam; ndizithàbathe iidiliya, ndizifaxange endebeni kaFaro, ndiyinikele indebe esandleni sikaFaro.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 40