Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 4:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uAdam wamazi uEva umkakhe; wamitha, wazala uKayin,* wathi, Ndizuzé indoda ngoYehova.

2. Waphinda wazala umninawa wakhe, uAbheli;* uAbheli waba ngumalusi wezimvu, uKayin waba ngumsebenzi womhlaba.

3. Kwathi ekupheleni kwamihla ithile, uKayin wathabatha eziqhameni zomhlaba, wazisa umnikelo kuYehova.

4. UAbheli wazisa naye, ethabathe kumazibulo ezimvu zakhe, kwezinamanqatha. Waza uYehova wambheka uAbheli nomnikelo wakhe.

5. Akambheka uKayin nomnikelo wakhe. Waqumba kunene uKayin, basangana ubuso bakhe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 4