Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 39:19-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ithe, yakuweva inkosi yakhe amazwi omkayo awawathethayo kuyo, esithi, Senjenje isicaka sakho kum, wavutha umsindo wayo.

20. Inkosi kaYosefu yamthabatha, yamfaka entolongweni, kuloo ndawo apho amakhonkxwa okumkani abekhonkxwa khona, waba sentolongweni apho ke.

21. UYehova ubenoYosefu, wamthobela inceba, wenza ukuba athandwe ngumphathi wentolongo.

22. Umphathi wentolongo wawanikela kuYosefu onke amakhonkxwa asentolongweni, ukuze zonke izinto ezisukuba zisenziwa khona, abe nguye ozenzayo.

23. Umphathi wentolongo akakhathalelanga nto isesandleni sakhe, ngenxa yokuba uYehova ubenaye; zonke izinto ebesakuzenza, uYehova ubeziphumelelisa.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 39