Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 39:10-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Kwathi, nakuba ebethetha kuYosefu imihla ngemihla, akamphulaphula yena ukuba alale ecaleni lakhe, nokuthi abe naye.

11. Kwathi kuloo mihla, wangena endlwini eya kusebenza umsebenzi wakhe; kwaye kungekho nanye yakumadoda endlu endlwini apho.

12. Wambamba ngengubo wathi, Ndilale. Wayishiya ingubo yakhe esandleni sakhe, wabaleka, waphumela phandle.

13. Kwathi, akubona ukuba uyishiyile ingubo yakhe esandleni sakhe, ubalekele phandle,

14. wabiza amadoda endlu yakhe, wathetha kuwo, esithi, Khangelani, úsizisele indoda engumHebhere, ukuba idlale ngathi; izile kum, isiza kundilala, ndakhala ngezwi elikhulu;

15. yathi, yakuva ndiphakamisa izwi, ndikhala, yayishiya ingubo yayo ecaleni lam, yabaleka, yaphumela phandle.

16. Wayibeka phantsi ingubo yayo ecaleni lakhe, yada yafika inkosi yakhe endlwini yayo.

17. Wathetha kuyo ngokwaloo mazwi esithi, Sizé kum isicaka esingumHebhere, esi usizisele sona, ukuba sidlale ngam;

18. kuthe, ndakuliphakamisa izwi lam, ndikhala, sayishiya ingubo yaso ecaleni lam, sabalekela phandle.

19. Ithe, yakuweva inkosi yakhe amazwi omkayo awawathethayo kuyo, esithi, Senjenje isicaka sakho kum, wavutha umsindo wayo.

20. Inkosi kaYosefu yamthabatha, yamfaka entolongweni, kuloo ndawo apho amakhonkxwa okumkani abekhonkxwa khona, waba sentolongweni apho ke.

21. UYehova ubenoYosefu, wamthobela inceba, wenza ukuba athandwe ngumphathi wentolongo.

22. Umphathi wentolongo wawanikela kuYosefu onke amakhonkxwa asentolongweni, ukuze zonke izinto ezisukuba zisenziwa khona, abe nguye ozenzayo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 39