Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 38:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngelo xesha, wehla uYuda, esuka kubazalwana bakhe, waya wayimisa intente yakhe ngakwindoda yaseAdulam, egama linguHira.

2. UYuda wabona khona intombi yendoda engumKanan, egama linguShuwa; wayizeka, wayingena.

3. Yamitha, yazala unyana; wathi igama lakhe nguEre.

4. Yabuya yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguOnan.

5. Yabuya yaphinda yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguShela; wayeseKezibhi ukumzala kwakhe.

6. UYuda wamzekela uEre, amazibulo akhe, umfazi ogama linguTamare.

7. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ubeneentlondi ezimbi emehlweni kaYehova; waza uYehova wambulala.

8. UYuda wathi kuOnan, Yiya kumfazi womkhuluwa wakho, umngene, umvelisele imbewu umkhuluwa wakho.

9. Wayesazi uOnan ukuba imbewu ayiyi kuba yeyakhe; wathi, xa sukuba esiya kumfazi womkhuluwa wakhe, wayiphalazela emhlabeni, ukuze angamniki mbewu umkhuluwa wakhe.

10. Kwaba kubi emehlweni kaYehova oko wakwenzayo; ngoko wambulala naye.

11. Wathi uYuda kuTamare, umolokazana wakhe, Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akhule uShela, unyana wam; kuba wathi, Hleze afe naye, njengabakhuluwa bakhe. Wemka uTamare, waya kuhlala endlwini kayise.

12. Zakuba ninzi iintsuku, yafa intombi kaShuwa, umkaYuda. Akuthuthuzeleka uYuda, wenyuka waya kubachebi bempahla yakhe emfutshane, yena noHira, isihlobo sakhe saseAdulam, kwaTimna.

13. Waxelelwa uTamare kwathiwa, Nanko uyihlozala, enyuka esiya kucheba impahla yakhe emfutshane kwaTimna.

14. Wazisusa iingubo zobuhlolokazi bakhe, wazigqubuthela ngesigqubuthelo, wazithi wambu, wahlala phantsi esangweni le-Enayim, engasendleleni eya kwaTimna; kuba ubebona ukuba ukhulile uShela, àkasiwa noko kuye ukuba abe ngumkakhe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 38