Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 37:9-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wabuya waphupha elinye iphupha, walixela kubakhuluwa bakhe, wathi, Yabonani, ndibuye ndaphupha iphupha; ndiphuphé ilanga nenyanga neenkwenkwezi ezilushumi elinanye ziqubuda kum.

10. Wakuxela kuyise, nakubakhuluwa bakhe. Uyise wamkhalimela, wathi kuye, Liphupha lini na eli uliphuphileyo? Mna, nonyoko, nabakhuluwa bakho, soza size kuqubuda kuwe na emhlabeni?

11. Abakhuluwa bakhe bammonela, ke yena uyise waligcina eli lizwi.

12. Ke kaloku abakhuluwa bakhe baya kwalusa impahla emfutshane kayise kwaShekem.

13. USirayeli wathi kuYosefu, Abakhuluwa bakho àbalusi eShekem na? Yiza, ndikuthume kubo.

14. Wathi yena kuye, Ndilapha. Wathi kuye, Khawuye kukhangela ukuphila kwabakhuluwa bakho, nokuphila kwempahla emfutshane; ubuye uze kundixelela. Wamthuma ke, emsusa entilini yaseHebron, waya eShekem.

15. Wafunyanwa ngumfo, ebhadula endle; umfo lowo wambuza wathi, Ùfuna ntoni na?

16. Wathi, Ndifuna abakhuluwa bam; khawundixelele apho balusa khona.

17. Wathi umfo, Bandulukile apha, kuba khendeva besithi, Masiye eDotan. UYosefu wabalandela abakhuluwa bakhe, wabafumana eDotan.

18. Bambona ke esekude, engekasondeli kubo, benza iyelenqe lokumbulala.

19. Bathetha omnye komnye besithi, Nanko lo mphuphi esiza.

20. Yizani ke ngoko, simbulale, simphose komnye wemihadi, sithi, Udliwe lirhamncwa, size sibone ukuba amaphupha akhe oba yintoni na.

21. Weva uRubhen, wamhlangula esandleni sabo; wathi, Masingambulali afe.

22. Wathi uRhubhen kubo, Musani ukuphalaza gazi; mphoseni kulo mhadi usentlango; musani ukumsa sandla. Watsho, ukuze amhlangule esandleni sabo, ambuyisele kuyise.

23. Kwathi akufika uYosefu kubakhuluwa bakhe, bamhluba uYosefu ingubo yakhe, ingubo ende enemikhono abenayo;

24. bamthabatha, bamphosa emhadini; umhadi lowo ube uzé, kungekho manzi kuwo.

25. Bahlala phantsi, badla isonka; baphakamisa amehlo abo, bakhangela, nango umkhoko wamaIshmayeli uvela eGiliyadi, uneenkamela zithwele intlaka emhlophe, namafutha aqholiweyo, nentlaka emnandi, besihla nazo besiya eYiputa.

26. UYuda wathi kubazalwana bakhe, Yinzuzoni na ukuthi simbulale umninawa wethu, sifihle igazi lakhe?

27. Yizani sithengise ngaye kumaIshmayeli; isandla sethu masingabi phezu kwakhe, ngokuba ngumzalwana wethu, yinyama yethu. Bamphulaphula abazalwana bakhe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 37