Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 37:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Abakhuluwa bakhe babona ukuba uyise umthanda ngaphezu kwabo bonke, bamthiya, ababa nakuthetha naye bexolile.

5. UYosefu waphupha iphupha, wabaxelela abakhuluwa bakhe; kwaba kukhona bamthiyayo.

6. Wathi kubo, Khanilive eli phupha ndiliphuphileyo.

7. Yabonani, besibopha izithungu entsimini phakathi; saza isithungu sam sesuka sema; zaza izithungu zenu zasingqonga, zaqubuda kwisithungu sam.

8. Abakhuluwa bakhe bathi kuye, Yinene na ukuba uya kuba ngukumkani phezu kwethu? Yinene na ukuba uya kusilawula? Kwaba kukhona bamthiyayo ngenxa yamaphupha akhe, nangenxa yamazwi akhe.

9. Wabuya waphupha elinye iphupha, walixela kubakhuluwa bakhe, wathi, Yabonani, ndibuye ndaphupha iphupha; ndiphuphé ilanga nenyanga neenkwenkwezi ezilushumi elinanye ziqubuda kum.

10. Wakuxela kuyise, nakubakhuluwa bakhe. Uyise wamkhalimela, wathi kuye, Liphupha lini na eli uliphuphileyo? Mna, nonyoko, nabakhuluwa bakho, soza size kuqubuda kuwe na emhlabeni?

11. Abakhuluwa bakhe bammonela, ke yena uyise waligcina eli lizwi.

12. Ke kaloku abakhuluwa bakhe baya kwalusa impahla emfutshane kayise kwaShekem.

13. USirayeli wathi kuYosefu, Abakhuluwa bakho àbalusi eShekem na? Yiza, ndikuthume kubo.

14. Wathi yena kuye, Ndilapha. Wathi kuye, Khawuye kukhangela ukuphila kwabakhuluwa bakho, nokuphila kwempahla emfutshane; ubuye uze kundixelela. Wamthuma ke, emsusa entilini yaseHebron, waya eShekem.

15. Wafunyanwa ngumfo, ebhadula endle; umfo lowo wambuza wathi, Ùfuna ntoni na?

funda isahluko epheleleyo Igenesis 37