Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 37:19-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Bathetha omnye komnye besithi, Nanko lo mphuphi esiza.

20. Yizani ke ngoko, simbulale, simphose komnye wemihadi, sithi, Udliwe lirhamncwa, size sibone ukuba amaphupha akhe oba yintoni na.

21. Weva uRubhen, wamhlangula esandleni sabo; wathi, Masingambulali afe.

22. Wathi uRhubhen kubo, Musani ukuphalaza gazi; mphoseni kulo mhadi usentlango; musani ukumsa sandla. Watsho, ukuze amhlangule esandleni sabo, ambuyisele kuyise.

23. Kwathi akufika uYosefu kubakhuluwa bakhe, bamhluba uYosefu ingubo yakhe, ingubo ende enemikhono abenayo;

24. bamthabatha, bamphosa emhadini; umhadi lowo ube uzé, kungekho manzi kuwo.

25. Bahlala phantsi, badla isonka; baphakamisa amehlo abo, bakhangela, nango umkhoko wamaIshmayeli uvela eGiliyadi, uneenkamela zithwele intlaka emhlophe, namafutha aqholiweyo, nentlaka emnandi, besihla nazo besiya eYiputa.

26. UYuda wathi kubazalwana bakhe, Yinzuzoni na ukuthi simbulale umninawa wethu, sifihle igazi lakhe?

27. Yizani sithengise ngaye kumaIshmayeli; isandla sethu masingabi phezu kwakhe, ngokuba ngumzalwana wethu, yinyama yethu. Bamphulaphula abazalwana bakhe.

28. Adlula amaMidiyan lawo angabarhwebi; bamrhola, bamkhupha uYosefu emhadini, bathengisa ngoYosefu kumaIshmayeli ngeesilivere ezimashumi mabini; amsa uYosefu eYiputa.

29. Wabuyela uRubhen emhadini. Yini? UYosefu akakho emhadini; wazikrazula iingubo zakhe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 37