Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 37:13-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. USirayeli wathi kuYosefu, Abakhuluwa bakho àbalusi eShekem na? Yiza, ndikuthume kubo.

14. Wathi yena kuye, Ndilapha. Wathi kuye, Khawuye kukhangela ukuphila kwabakhuluwa bakho, nokuphila kwempahla emfutshane; ubuye uze kundixelela. Wamthuma ke, emsusa entilini yaseHebron, waya eShekem.

15. Wafunyanwa ngumfo, ebhadula endle; umfo lowo wambuza wathi, Ùfuna ntoni na?

16. Wathi, Ndifuna abakhuluwa bam; khawundixelele apho balusa khona.

17. Wathi umfo, Bandulukile apha, kuba khendeva besithi, Masiye eDotan. UYosefu wabalandela abakhuluwa bakhe, wabafumana eDotan.

18. Bambona ke esekude, engekasondeli kubo, benza iyelenqe lokumbulala.

19. Bathetha omnye komnye besithi, Nanko lo mphuphi esiza.

20. Yizani ke ngoko, simbulale, simphose komnye wemihadi, sithi, Udliwe lirhamncwa, size sibone ukuba amaphupha akhe oba yintoni na.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 37