Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 36:22-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Oonyana bakaLotan babengamaHori, noHemam; udade boLotan nguTimna.

23. Ngabo aba oonyana bakaShobhali: nguAlevan, noManahati, noEbhali, noShefo, no-Onam.

24. Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise.

25. Ngabo aba oonyana baka-Ana: nguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana.

26. Ngabo aba oonyana bakaDishon: nguHemdan, noEshbhan, noItran, noKeran.

27. Ngabo aba oonyana bakaEtsere:

28. nguBhilehan, noZavan, noAkan. Ngabo aba oonyana bakaDishan: ngu-Utse noAran.

29. Zizo ezi izikhulu zamaHori: isikhulu esinguLotan, isikhulu esinguShobhali, isikhulu esinguTsibheyon, isikhulu esinguAna,

30. isikhulu esinguDishon, isikhulu esinguEtsere, isikhulu esinguDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, ngokwezikhulu zabo ezweni lakwaSehire.

31. Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani unobukumkani kubo oonyana bakaSirayeli:

32. uBhela, unyana kaBhehore, walawula kwaEdom; igama lomzi wakhe yiDinabha.

33. Wafa uBhela, wathi uYobhabhi, unyana kaZera waseBhotsera, walawula esikhundleni sakhe.

34. Wafa uYobhabhi, wathi uHusham, wasezweni lamaTeman, walawula esikhundleni sakhe.

35. Wafa uHusham, wathi uHadadi, unyana kaBhedadi, owawatshabalalisayo amaMidiyan emhlabeni wamaMowabhi, walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiAviti.

36. Wafa uHadadi, wathi uSamla waseMasereka walawula esikhundleni sakhe.

37. Wafa uSamla, wathi uSawule, waseRehobhoti yoMlambo,* walawula esikhundleni sakhe.

38. Wafa uSawule, wathi uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, walawula esikhundleni sakhe.

39. Wafa uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, wathi uHadare walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiPawu; igama lomkakhe nguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.

40. Ngawo la amagama ezikhulu zakwaEsawu ngokwezizwe zazo, ngokweendawo zazo, ngamagama azo: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAleva, isikhulu esinguYetete,

41. isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla, isikhulu esinguPinon,

funda isahluko epheleleyo Igenesis 36