Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 36:18-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, umkaEsawu: sisikhulu esinguYehushe, isikhulu esinguYalam, isikhulu esinguKora; zizo ezo izikhulu zakwa-Aholibhama, intombi ka-Ana, umkaEsawu.

19. Ngabo abo oonyana bakaEsawu, zizo ezo izikhulu; nguEdom ke lowo.

20. Ngabo aba oonyana bakaSehire umHori, ababemi kwelo zwe: uLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna,

21. noDishon, noEtsere, noDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, oonyana bakaSehire, ezweni lakwaEdom.

22. Oonyana bakaLotan babengamaHori, noHemam; udade boLotan nguTimna.

23. Ngabo aba oonyana bakaShobhali: nguAlevan, noManahati, noEbhali, noShefo, no-Onam.

24. Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise.

25. Ngabo aba oonyana baka-Ana: nguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana.

26. Ngabo aba oonyana bakaDishon: nguHemdan, noEshbhan, noItran, noKeran.

27. Ngabo aba oonyana bakaEtsere:

28. nguBhilehan, noZavan, noAkan. Ngabo aba oonyana bakaDishan: ngu-Utse noAran.

29. Zizo ezi izikhulu zamaHori: isikhulu esinguLotan, isikhulu esinguShobhali, isikhulu esinguTsibheyon, isikhulu esinguAna,

30. isikhulu esinguDishon, isikhulu esinguEtsere, isikhulu esinguDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, ngokwezikhulu zabo ezweni lakwaSehire.

31. Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani unobukumkani kubo oonyana bakaSirayeli:

32. uBhela, unyana kaBhehore, walawula kwaEdom; igama lomzi wakhe yiDinabha.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 36