Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 36:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yiyo le ke inzala kaEsawu, onguEdom.

2. UEsawu wabazeka abafazi bakhe ezintombini zakwaKanan: uAda, intombi kaElon umHeti, noAholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon umHivi;

3. wazeka noBhasemati, intombi kaIshmayeli, udade boNebhayoti.

4. UAda wamzalela uEsawu uElifazi: uBhasemati wazala uRehuweli.

5. UAholibhama wazala uYehushe, noYalam, noKora. Ngabo abo oonyana bakaEsawu, awabazalelwayo ezweni lakwaKanan.

6. UEsawu wabathabatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, neentombi zakhe, nabendlu yakhe yonke, nemfuyo yakhe, namaqegu akhe onke, nengqwebo yakhe yonke abeyiqwebile ezweni lakwaKanan, waya kwelinye ilizwe, emka ngenxa kaYakobi umninawa wakhe.

7. Kuba ingqwebo yabo ibininzi, ukuze bangabi nakuhlala ndawonye; nelizwe lokuphambukela kwabo libe lingenakubathwala, ngenxa yemfuyo yabo.

8. Wahlala uEsawu entabeni yakwaSehire. UEsawu ke lowo nguEdom.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 36