1. Yiyo le ke inzala kaEsawu, onguEdom.
2. UEsawu wabazeka abafazi bakhe ezintombini zakwaKanan: uAda, intombi kaElon umHeti, noAholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon umHivi;
3. wazeka noBhasemati, intombi kaIshmayeli, udade boNebhayoti.
4. UAda wamzalela uEsawu uElifazi: uBhasemati wazala uRehuweli.
5. UAholibhama wazala uYehushe, noYalam, noKora. Ngabo abo oonyana bakaEsawu, awabazalelwayo ezweni lakwaKanan.