Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 36:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yiyo le ke inzala kaEsawu, onguEdom.

2. UEsawu wabazeka abafazi bakhe ezintombini zakwaKanan: uAda, intombi kaElon umHeti, noAholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon umHivi;

3. wazeka noBhasemati, intombi kaIshmayeli, udade boNebhayoti.

4. UAda wamzalela uEsawu uElifazi: uBhasemati wazala uRehuweli.

5. UAholibhama wazala uYehushe, noYalam, noKora. Ngabo abo oonyana bakaEsawu, awabazalelwayo ezweni lakwaKanan.

6. UEsawu wabathabatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, neentombi zakhe, nabendlu yakhe yonke, nemfuyo yakhe, namaqegu akhe onke, nengqwebo yakhe yonke abeyiqwebile ezweni lakwaKanan, waya kwelinye ilizwe, emka ngenxa kaYakobi umninawa wakhe.

7. Kuba ingqwebo yabo ibininzi, ukuze bangabi nakuhlala ndawonye; nelizwe lokuphambukela kwabo libe lingenakubathwala, ngenxa yemfuyo yabo.

8. Wahlala uEsawu entabeni yakwaSehire. UEsawu ke lowo nguEdom.

9. Yiyo le ke inzala kaEsawu, uyise wamaEdom, entabeni yakwaSehire.

10. Ngawo la ke amagama oonyana bakaEsawu: nguElifazi, unyana ka-Ada, umkaEsawu; nguRehuweli, unyana kaBhasemati, umkaEsawu.

11. Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefo, noGatam, noKenazi.

12. UTimna ebelishweshwe likaElifazi, unyana kaEsawu, wamzalela uElifazi uAmaleki;

13. ngabo abo oonyana baka-Ada, umkaEsawu. Ngabo aba oonyana bakaRehuweli: uNahati, noZera, noShama, noMiza. Ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu.

14. Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon, umkaEsawu: wamzalela uEsawu uYehushe, noYalam, noKora.

15. Zizo ezi izikhulu zoonyana bakaEsawu: oonyana bakaElifazi, owamazibulo kuEsawu, sisikhulu esinguTeman, isikhulu esinguOmare, isikhulu esinguTsefo, isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguKora, isikhulu esinguGatam, isikhulu esinguAmaleki.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 36