Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 35:21-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. USirayeli wayincothula intente yakhe, waya wayitwabulula ngaphaya kweMigdoli-edere.

22. Kwathi, ekuhlaleni kukaSirayeli kwelo zwe, waya uRubhen, wamlala uBhiliha, ishweshwe likayise; weva ke uSirayeli.Oonyana bakaYakobi babelishumi elinababini.

23. Oonyana bakaLeya nguRubhen, owamazibulo kuYakobi, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon.

24. Oonyana bakaRakeli nguYosefu noBhenjamin.

25. Oonyana bakaBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, nguDan noNafetali.

26. Oonyana bakaZilipa, umkhonzazana kaLeya, nguGadi noAshere. Ngabo abo oonyana bakaYakobi, awabazalelwa ePadan-aram.

27. UYakobi waya kuIsake uyise kwaMamre, eKiriyati ka-Arbha, eHebron, apho babengabaphambukeli khona uAbraham noIsake.

28. Imihla kaIsake yaba yiminyaka elikhulu elinamanci asibhozo.

29. UIsake waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo, aluphele, ephelele ebudaleni. Bamngcwaba ooEsawu noYakobi, oonyana bakhe.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 35