Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 35:17-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika, kuba naló ngunyana wakho.

18. Kwathi ekuphumeni komphefumlo wakhe, kuba wafayo, wathi nguBhenoni* igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin.*

19. Wafa ke uRakeli, wangcwatyelwa endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.

20. UYakobi wamisa isimiso phezu kwengcwaba lakhe; sisimiso sengcwaba likaRakeli nanamhla.

21. USirayeli wayincothula intente yakhe, waya wayitwabulula ngaphaya kweMigdoli-edere.

22. Kwathi, ekuhlaleni kukaSirayeli kwelo zwe, waya uRubhen, wamlala uBhiliha, ishweshwe likayise; weva ke uSirayeli.Oonyana bakaYakobi babelishumi elinababini.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 35