13. Wenyuka uThixo, wemka kuye kuloo ndawo abethethe naye kuyo.
14. UYakobi wamisa isimiso kuloo ndawo abethethe naye kuyo, isimiso samatye; wathulula phezu kwaso umnikelo othululwayo, wagalela neoli phezu kwaso.
15. UYakobi wathi igama laloo ndawo, uThixo abethethe naye kuyo, yiBheteli.*
16. Banduluka eBheteli. Kwathi, kusemganyana ukuba kufikwe e-Efrata, wazala uRakeli, kwaba nzima ukuzala kwakhe.
17. Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika, kuba naló ngunyana wakho.
18. Kwathi ekuphumeni komphefumlo wakhe, kuba wafayo, wathi nguBhenoni* igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin.*
19. Wafa ke uRakeli, wangcwatyelwa endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.
20. UYakobi wamisa isimiso phezu kwengcwaba lakhe; sisimiso sengcwaba likaRakeli nanamhla.
21. USirayeli wayincothula intente yakhe, waya wayitwabulula ngaphaya kweMigdoli-edere.